1 Ndikhoyo, wuve umthandazo wam,nesikhalo sam masifike kuwe!
2 Sukundizimela xa ndisebunzimeni;ndiphulaphule undive kamsinya ndakukhala.
3 Imihla yam ithe shwaka okomsi;ndiyathuthunjelwa ziingqaqambo.
4 Ndixusheke ndada ndalityéba;senditsho ndaphelelwa nangumdla wokutya.
5 Ndiyagcuma kukugula;andibhitye nditsho ndangamathambo.
6 Ndifana nesikhova enkangala;ndinjengesihulu-hulu senxiwa.
7 Ndilal' obentaka kukumana ndiphuthelwa;ndifana nentak' ehleli yodwa exhantini.