10 Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.
11 Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.
12 Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.
13 Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,seligalelekile.
14 Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.
15 Zolihlonel' igama likaNdikhoyo zonk' iintlanga,neekumkani zonke zisibeke isihomo sakhe.
16 Kuba kaloku uNdikhoyo woyivusa iZiyon,sicace ke isidima nesithozela sakhe.