11 Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.
12 Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.
13 Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,seligalelekile.
14 Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.
15 Zolihlonel' igama likaNdikhoyo zonk' iintlanga,neekumkani zonke zisibeke isihomo sakhe.
16 Kuba kaloku uNdikhoyo woyivusa iZiyon,sicace ke isidima nesithozela sakhe.
17 Uyawuva umthandazo weendwayi,azisabele nezicelo zazo.