16 Kuba kaloku uNdikhoyo woyivusa iZiyon,sicace ke isidima nesithozela sakhe.
17 Uyawuva umthandazo weendwayi,azisabele nezicelo zazo.
18 Le mbali mayibhalelwe isizukulwana esizayoze bamdumise uNdikhoyo nâbo bangekazalwa.
19 Kaloku wakhangela phantsi yena ephezulu uNdikhoyo,nditsho uNdikhoyo *esesibingelelweni sakhe;wajong' emhlabeni esezulwini yena,
20 ukuze akuve ukuncwina kwababanjiweyo,nokuze abakhulule abo bagwetyelwe ukufa.
21 Yiyo ke loo nto baya kuyivakalisa eZiyon indumiso yakhe,bambonge naseJerusalem uNdikhoyo,
22 apho sukuba zihlangen' iintlanga nezizwe,zize kudumisa zinqule uNdikhoyo.