25 ladalwa nguwe kwantlandlolo ihlabathi;enziwa nguwe nawo amazulu.
26 Xa zizonke ziya kudlula, ube wena usahleli;ziya kuguga njengeempahla,uzisonge njengeengubo.Zona ziya kutshintshwa njengesambatho,
27 ube wena ungaguquki, ube wena ungagugi.
28 Iintsapho zethu zohlala zikhuselekile,nenzala yabo yohlala phantsi kwekhusi lakho.”