10 Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,
11 apho kusel' izilwanyana,nalaph' amaqwarh' athob' unxano.
12 Kulapho zakhela khon' iintaka,zintyiloz' emasebeni emithi.
13 Ulonkcenkceshel' iintaba ngeemvula zaphezulu;uchumil' umhlaba ziintsikelelo zakho.
14 Ulontshulisel' iinkomo ingca,akhulisel' abantu izityalo,kuvel' isivuno sokutya,
15 newayin' echwayitisayo,amafuth' okuthambisa,kunye nesonka sokubondla.
16 Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.