15 newayin' echwayitisayo,amafuth' okuthambisa,kunye nesonka sokubondla.
16 Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.
17 Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.
18 Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.
19 Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.
20 Ubusuku benziwa nguwe,ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.
21 Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.