23 Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.
24 Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.
25 Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.
26 Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.
27 Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.
28 Wakuzipha ziyatya,ze wakuzondla zihluthe.
29 Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.