18 Amaqatha akhe adliswa ngamatyathanga,waminxwa nasemqaleni ngamakhamandela,
19 lada lazaliseka ilizwi awayelithethile,ilizwi likaNdikhoyo lamngqinela.
20 Ikumkani yamhlangula,umlawuli wezizwe wamkhulula,
21 yamenza intloko yomzi wayo,yamnika igunya lokulawula konke okwayo,
22 yamnika iwonga kunamaphakathi ayo,kwanegunya lokuqeqesha bonke ooceba bayo.
23 Naye uYakobi waya eJiputa,waba ngummi elizweni lakwaHam.
24 UNdikhoyo wabanika inzala eninzi abantu bakhe,wabanika amandla kunababandezeli babo.