35 Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.
36 Wawabulala onk' amavela-tanci,nditheth' onke amazibulo amaJiputa.
37 Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.
38 Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.
39 Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.
40 Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.
41 Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.