37 Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.
38 Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.
39 Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.
40 Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.
41 Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.
42 Kaloku wakhumbula isithembiso sakhe,esingumnqophiso wakhe noAbraham isicaka sakhe.
43 Wabandulula bechwayitile abantu bakhe,abanyulwa bakhe behamba besombela.