1 Mbongen' *uNdikhoyo!Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo.Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
2 Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo;ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?
3 Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.
4 Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.
5 Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6 Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.
7 Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.