11 Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.
12 Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.
13 Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.
14 Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.
15 Wabenzela izicelo zabo,kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.
16 Bammonela uMosis apho entlango,nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.
17 Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.