24 Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.
25 Babehlala ezintenteni bekrokra,bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.
26 Wamis' isibhozo efung' esithiwobayeka bafel' aph' enkangala,
27 ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.
28 Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.
29 Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.
30 Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,saza sathomalala isibetho eso.