3 Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.
4 Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.
5 Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6 Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.
7 Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.
8 Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.
9 Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.