36 Banqula izithixo abantu bakaThixo,nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.
37 Babinga oonyana neentombi zabo,besenzela iindimoni amadini.
38 Baliphalaz' igaz' elingenatyala,nditheth' eloonyana neentombi zaboababebanikela kwizithixo zaseKanana;labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.
39 Benjenjalo ke ukuzixabhela;benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.
40 UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.
41 Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.
42 Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.