41 Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.
42 Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.
43 Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;
44 Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;
45 wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
46 wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.
47 Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.