44 Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;
45 wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
46 wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.
47 Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.
48 Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayelikususela ngoku kude kube nini-nini!Bonk' abantu mabathi: “Huntshu!”Mawubongwe wena, Ndikhoyo.