5 Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,ndize ndivuye kunye nabantu bakho,ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6 Nathi sone njengookhokho,sikwenzile ukungcola nobubi.
7 Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.
8 Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.
9 Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.
10 Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.
11 Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.