7 Xa babeseJiputa oomawokhuluzange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;bazilibala izibele zakho,basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.
8 Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.
9 Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.
10 Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.
11 Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.
12 Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.
13 Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.