18 Ukutya babengasafuni nokukubona;kaloku babesebelikrobile ingcwaba.
19 Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.
20 Wathetha ngelizwi, baza baphila;ewe, wabahlangula ekufeni.
21 Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.
22 Mabenze amadini okubulela,batsholoze bemdumisa ngemisebenzi yakhe.
23 Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.
24 Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.