5 Ewe, babelamba benxanwa;kwakugos' okwaphukayo beyoba.
6 Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo bekhohliwe,waza yena wabakhulula kwezo ngxaki zabo,
7 wabakhokela ngendlela ethe ngqo,wada wabamisa esixekweni bazinza.
8 Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.
9 Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,aze amhluthise ngokulunga olambileyo!
10 Abanye babehlala esithokothokweni sobumnyama,bengamabanjwa akhonkxwe ngemixokelelwane;
11 kuba kaloku bawavukela amazwi kaThixo,bawudela ummiselo kaPhezukonke.