13 Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.
14 Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.
15 Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.
16 Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,koko wabadobelela abacinezelwa.
17 Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.
18 Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:makuthi nca emzimbeni njengamanzi;makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.
19 Ewe, makube njengengubo ayambathayo;mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.