5 Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.
6 Mmisele isibhoja lo mfo;misa ofana naye ematyaleni.
7 Ematyaleni makafunyaniswe onile,nomthandazo wakhe mawumgwebe.
8 Imihla yakhe mayinqanyulwe;indawo yakhe mayithathwe ngomnye.
9 Abantwana bakhe mababe ziinkedama,umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.
10 Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.
11 Ombamba ulutho wanga angamthimba;amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.