6 Ngumagob' umnqonqo alengetyeke,eqwalasel' amazulu nehlabathi.
7 Amahlwempu uyawaphakamisa, awavuthulul' uthuli;ewe, nabagqub' eluthuthwini uyabaphakamisa.
8 Batsho bangqendeve ndawonye namatshawe;ewe, babe matwa namatshawe abantu bakhe.
9 Nomfazi ongaphathiyo umzimasa ngomzi,atsho abe ngunobantwana onemincili.Huntshu-u-u!Bayethe, Mhlekazi!