1 Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;izibele zakhe zohlala zihleli.
2 Ewe, makatsho uSirayeli athi:“Izibele zakhe soze zitshitshe.”
3 Ngokunjalo nendlu ka-Aron mayithi:“Ngenene izibele zakhe soze zithini.”
4 Ewe, abamthobelayo uNdikhoyo mabathi:“Izibele zakhe zifikelela ephakadeni.”
5 Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,waza yena wasabela wandihlangula.
6 Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.
7 Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.