32 Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho,kuba wena uyivulile ingqiqo yam.
33 Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.
34 Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho;ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke.
35 Ndikhokele ngeziyalo zakho,kuba zona ziligugu lam.
36 Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakhondaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.
37 Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo;mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho.
38 Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho;kaloku lelâbo bakuthobelayo.