78 Zona izibhoja mazihlazeke,kuba zindirhintyela ngobuqili;ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho.
79 Mabeze kum bonke abakuthobelayo,abo bayiqondayo imfundiso yakho.
80 Mandingabi nabala kwimithetho yakho,khon' ukuze ndingahlazeki.
81 *Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise!Ithemba lam lilizwi lakho.
82 Amehlo amnyama kukujong' enkalweni;yaz'ba uya kundithuthuzela nini na?
83 Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.
84 Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho?Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo?