5 Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –nguye okwenzela umthunzi.
6 Emini ilanga aliyi kukugqatsa;kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.
7 NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
8 Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,xa uhambayo naxa ubuyayo,kuqalela ngoku kude kube nini-nini.