6 Thandazani kubekho inzolo eJerusalem, nithi:“Makube yinkqubela kwabakuthandayo, Jerusalem;
7 kuwe makube chosi, kube hele,ukhuseleke umzi wakho jikelele.”
8 Ngenxa yezihlobo nabalingane bamnangoku ndithi: “Makube chosi, kube hele!”
9 Kanti ke nangenxa yendlu kaNdikhoyo uThixo wethundiya kuzabalaza ndikufunela intlala-kahle.