1 Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.
2 Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.
3 Kaloku abo babesithimbile suka bathi:“Khanisonwabise ngengoma;khanihlabele enye kwezaseZiyon.”
4 Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!
5 Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.