1 Wuphulaphule umthandazo wam, *Ndikhoyo;sive isikhungo sam.Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.
2 Musa ukusixoxisa isicaka sakho;kaloku akukho bani umsulwa phambi kwakho.
3 Kaloku utshaba luthene mbende nam;lundixushe lwada lwandishikixa.Lundivalele kwamnyama-ndawo,ndanga ndingowafa kudala.
4 Xa kungokunje ndiyayoba;intliziyo yam iyangcungcutheka.
5 Ndikhumbula imihla yamfamlibe,ndicamanga ngezinto ozenzileyo,ndiphicotha imisebenzi yezandla zakho.