3 Kaloku utshaba luthene mbende nam;lundixushe lwada lwandishikixa.Lundivalele kwamnyama-ndawo,ndanga ndingowafa kudala.
4 Xa kungokunje ndiyayoba;intliziyo yam iyangcungcutheka.
5 Ndikhumbula imihla yamfamlibe,ndicamanga ngezinto ozenzileyo,ndiphicotha imisebenzi yezandla zakho.
6 Ndizolulela kuwe izandla zam;ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.
7 Nceda usabele, Ndikhoyo;umoya wam ufadalele.Hayi, musa ukundifulathela,hleze ndifane nâbo baya enzonzobileni.
8 Ububele bakho mandibuve kwakusasa;kaloku mna ndikholosa ngawe.Ndifundise indlela endifaneleyo;kaloku mna ndizibika kuwe.
9 Ndikhoyo, ndihlangule ezintshabeni zam;kaloku mna ndizimela ngawe.