1 Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,yena ondiqeqeshela idabi,andenze ndiyiqulele imfazwe.
2 Yena ulixhadi nenqaba yam,umqolomba nomhlanguli wam,umkhuseli endincathama ngaye.Izizwe uzifaka phantsi kwam.
3 Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntule nto ude uzidube ngaye?Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?
4 Umntu ufana nqwa nomphunga,imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.