1 Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,yena ondiqeqeshela idabi,andenze ndiyiqulele imfazwe.
2 Yena ulixhadi nenqaba yam,umqolomba nomhlanguli wam,umkhuseli endincathama ngaye.Izizwe uzifaka phantsi kwam.
3 Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntule nto ude uzidube ngaye?Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?
4 Umntu ufana nqwa nomphunga,imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.
5 Wakuwashukumisa amazulu, Ndikhoyo,suka akhahleleke phantsi.Wakuzichukumisa iintaba zithuquza umsi.
6 Lekuza ngemibane, ubasarhaze;binza ngeentolo batsho baduba-dubeke.
7 Yolula isandla sakho kweliphezulu,undonyule ndiphume kulo mgxobhozo.Ndihlangule esandleni seentlanga