12 Oonyana bethu ebutsheni babobanga banganjengezityalo eziyokozelayo;iintombi zethu zibe njengamatye akroliweyoalungiselelwe ukuvathisa ibhotwe.
13 Akwaba bangaphuphuma oovimba bethu,bazale ziintlobo ngeentlobo zesivuno.Akwaba zingazala amawaka iigusha zethu,zande ngamawaka aphindwe kalishumi emaphandleni.
14 Ngamana zathatha iimazi zethu zeenkomo;zingemi ngenxa yokuphunza.Ngamana akungebikho zimbonono ezitalatweni zethu;ewe, singaphithizeliswa kukuthinjwa.
15 Hayi uyolo lwabantu abayixhamlayo le ntsikelelo!Sinenyhweba kambe isizwe esiThixo waso unguNdikhoyo!