1 Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.
2 Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.
3 Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.
4 Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.
5 Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.
6 Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.
7 Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.