1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!
2 Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;ndiya kuhlabela indumiso,ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.
3 Musa ukukholosa ngamanene;sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.
4 Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.
5 Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;