3 Musa ukukholosa ngamanene;sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.
4 Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.
5 Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;
6 ongumenzi wamazulu nehlabathi,ulwandle neento zonke ezilapho kulo;yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;
7 umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;umondli wâbo balambayo.UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.
8 UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,umphakamisi wâbo bawileyo.UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.
9 UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,umxhasi wabahlolokazi neenkedama.Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.