7 umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;umondli wâbo balambayo.UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.
8 UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,umphakamisi wâbo bawileyo.UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.
9 UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,umxhasi wabahlolokazi neenkedama.Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.
10 Kambe ke yena uNdikhoyo uya kulawula naphakade,uThixo wakho, Ziyon, kuzo zonke izizukulwana.Siyakhahlela, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”