9 Dumani, zintaba, nani zinduli,mithi yeziqhamo, nani nonke misedare!
10 Mbongeni, nina marhamncwa, nani nonke zinkomo,nina zinto zirhubuluzayo, nani zintaka ziphaphayo!
11 Khahlelani, zikumkani zehlabathi, nani nonke zizwe,matshawe, nani nonke zinxiba-mxhaka zehlabathi!
12 Dumisani xa ninonke, mlisela kwanani mthinjana;yenzani njalo, maxhego kwanani bantwana!
13 Ewe, mabalibonge igama likaNdikhoyo;kaloku yena ngugama-khulu.Ke bona ubungangamsha bakhebulivelele ihlabathi ndawonye namazulu.
14 Ewe, abantu bakhe ubathe jize ngodumo nobungangamela,ke yona imilowo yakhe ithwel' intshinga yendumiso –nditsho amaSirayeli, isizwe esisenyongweni kuye.Masitsho sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”