10 Azinalo novelwano;zithe lwale likratshi.
11 Ziyandizungula, zifun' ukundirhangqa;zindithe ntsho ngamehlo, zijong' ukundiqethula.
12 Zifun' ukundithi qwenge-qwenge zixel' ingonyama;zindilalele zincatham' engontsini njengerhamncwa.
13 Lamla, Ndikhoyo; zikhalimele iintshaba, uzichithe!Ndihlangule ngekrele lakho kubantw' abagwenxa.
14 Ndihlangule, Ndikhoyo, koohlohlesakhe abazisu zimbaxa,betsho ngenyambalala yoonyana.Bathi zubelele bafe,babushiyel' oonyana obo butyebi.
15 Mna ndobonana nawe ngenxa yobulungisa bam;ndokwaneliswa kukubona wena xa ndivukayo.