17 Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.
18 Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.
19 Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.
20 Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.
21 Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.
22 Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.
23 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.