20 Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.
21 Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.
22 Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.
23 Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
24 Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.
25 Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
26 Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.