35 Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.
36 Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.
37 Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.
38 Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.
39 Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.
40 Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
41 Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.