5 Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.
6 Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,ndalucela uncedo kuThixo wam.Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.
7 Suka wagungqa wanyikima umhlaba,nditsho neziseko zeentaba zashukuma,kuba uThixo wayenomsindo.
8 Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.
9 Wasikrazula isibhakabhaka, wehla,ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama.
10 Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphikoitshebeleza ngesantya emoyeni.
11 Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula.