5 Sokwandul' ukuba nemincili ngoloyiso lwakho,siphakamis' izindwe, simbong' uThixo.Wang' uNdikhoyo angaziva izicelo zakho!
6 Kaloku ndiyaz' ukuba uNdikhoyo uyamnceda umthanjiswa wakhe,uyamva ekwibhotwe lakhe elilodwa ezulwini,umnik' uloyiso ngamandla akhe.
7 Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.
8 Bona babhukuqwa bawe;thina sisuka sime ngxishi.
9 Ndikhoyo, mnike amandla oloyiso ukumkani;sive naxa sizibika kuwe!