1 Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?Kudala ndizigixa, ndicel' uncedo,kodwa andikalufumani unangoku!
2 Thixo wam, emini ndikhalela kuwe, kodwa akundiva.Nasebusuku ndiyakhala,ndingafumani kuphumla phezu koko.
3 Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.
4 Babekholose ngawe ookhokho bethu;babekuthembile, wabahlangula wena.
5 Bakhala kuwe, wabakhulula wena;babethembele ngawe, akwabadanisa.
6 Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.
7 Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi: