14 Ndiphelelwe; amandla aphalele njengamanzi,ahlukene onke amathambo am,intliziyo yam iyanyibilika ngathi ngumthwebeba.
15 Aphele mpel' amandla kum,ulwimi lwam lunamathel' ezinkalakahleni,undishiy' eluthulini njengofileyo.
16 Lindirhawul' igquba labantw' abagwenxa,ndangathi ndirhangqwe ligqiza lezinja;bandidlavul' izandla neenyawo,
17 ngoko ke amathambo am aphandle.Ke zona iintshaba zam zibukele.
18 Babelana ngeengubo zam;benzelan' amaqashiso ngesambatho sam.
19 Ke wena, Ndikhoyo, mus' ukuba kude nam;Mkhululi wam, khawuleza undincede!
20 Ndihlangule ekreleni,undisindise kwezi zinja.