20 Ndihlangule ekreleni,undisindise kwezi zinja.
21 Ndihlangule emlonyeni wengonyama;ndisindise kulo mngcipheko ndikuwo.
22 Ndowabalisela amawethu ngezint' ozenzileyo,ndikubonge ebandleni, ndithi:
23 “Mbongen' uNdikhoyo, nina bamhlonelayo;mdumiseni nonke, nina bonyana bakaYakobi;mhloneleni nonke, nina nzala kaSirayeli!
24 Kaloku akazideli engazicekisi iintsizi zehlwempu;uyaziva izicelo zalo, angalifulatheli.”
25 Ndiya kukubonga esidlangalaleni,ngenxa yezinto ondenzele zona;ndowafezekisa amadinga endawenzayo,phambi kwebandla lâbo bakuthobelayo.
26 Amahlwempu aya kutya ahluthe mpu;bombonga uNdikhoyo abo bamfunayo.Banga banganempumelelo engapheliyo.